Ndibeke ithemba lam kuYesu…ngoku kuzakuthini?




Ndibeke ithemba lam kuYesu…ngoku kuzakuthini?

Wenze kakuhle! Wenze isigqibo esitshintsha ubomi, “Ngoku kuzokwenzeka ntoni? Ndizakuliqala njani uhambo lwam noThixo?” Amanyathelo amahlanu akhankanyiweyo ngezantsi asuka kwincwadi yezibhalo ezingcwele azakukunika indlela emawuyihambe,. Xa unemibuzo endleleni,Nceda utyelele u- www.GotQuestions.org/Xhosa.

1. Qiniseka ukuba uyaliqonda usindiso.

UYohane wokuqala 5:13 uyasixelela, “Ndinibhalela ezizinto nina bantu bakholwayo kwigama lonyana kaThixo ukwenzela niyazi ukuba ninobomi obungunaphakade.” UThixo ufuna ukuba siluqonde usindiso. UThixo ufuna ukuba nesiqinisekiso sokuba ngenene sihlangulwe. Ngokufutshane, masijonge ingongoma zosindiso:

(a) Sonke sonile. Sonke senze izinto ezingamkholisiyo uThixo(KwabaseRoma 3:23).

(b) Ngenxa yezono zethu, sifanele sisohlwayo sokohlulwa kuThixo ngonaphakade (KwabadeRoma 6:23).

(c) UYesu wafa emqamlezweni ehlawula isohlwayo zezono zethu (KwabaseRoma 5:8; 2 KwabeKorinte 5:21). UYesu wasifela, esithabathela isohlwayo sethu. Uvuko lwakhe lwakhe lwaqinisekisa ukuba ukufa kwakhe kukwanele ekuhlawula izono zethu.

(d) aUThixo unika uxolelo nosindiso kubo bonke ababeka ithemba labo kuyYesu- abathemba ukuba ukufa kwakhe kwabayintlawulo yezono zethu (UYohane 3:16; KwabaseRoma 5:1; Romans 8:1).

Ngumyalezo wosindiso! Ukuba ubeka ithemba lakho kuYesu njengomsindisi wakho, uyakuba usindisiwe! Zonke izono zakho zixolelwen, kwaye uThixo uyathembisa soze akushiye okanye akulahle (KwabaseRoma 8:38-39; UMateyu 28:20). Khumbula ukuba usindiso lwakho lukhuselekile kuYesu Kristu (UYohane 10:28-29). Ukuba uthembele kuYesu yedwa njengomhlanguli wakho, unganethemba lokuba uyakuhlala ngonaphakade noThixo eZulwini!

2. Fumana icawe eyiyo nefundisa ngebhayibhile.

Ungacingi ngesakhiwo secawe. Icawe ngabantu. Kubalulekile ukuba abakholelwa kuYesu babengabahlobo. Yenye yezingaba zokuqala zecawe. Kuba ubeke ithemba lakho kuYesu Kristu,siyakukhuthaza ngamandla ukuba uzifumanele Icawe ekholelwa eBhayibhileni kwindawo okuyo ze uthethe nomfundisi. Mchazele ngokholo lwakho okutsha kuYesu Kristu.

Injongo yesibini yecawe kukufundisa ngeBhayibhile. Ungafunda ukuba ungayisebenzisa njani imiyalelo kaThixo ebomini bakho. Ukwazi iBhayibhile sisitshixo sokuhlala ubomi obuyimpumelelo kunye nobomi obunamandla bobuKholwa. UTimoti wesibini 3:16-17 uthi, “Zonke izibhalo ezingcwe zingumphefumlo kaThixo kunye nemfundiso encedayo, ekhalimayo, elungisayo kunye neqeqeshela ebulungiseni, ukwenzela ukuba umntu kaThixo akwazi ukulungela wonke umsebenzi olungileyo.”

Injongo yesithathu yecawe kukudumisa. Ukudumisa kukubulela uThixo ngako konke akwenzileyo! UThixo isisindisile. UThixo uyasithanda. UThixo uyasilungiselela. UThixo uyasikhapha ze asikhokele. Singangambuleli njani ? UThixo ungcwele, ulungile, unothando, unemfesane, kunye nenceba. IZityhilelo 4:11 ziyasixelela, “Unexabiso, uyiNkosi noThixo wethu, ukuze sifumane ubungcwalisa bakho nokubekekato namandla ongumdali wento zonke kwangawe zenziwa zaze zazizo.”

3. Ngosuku ngalunye beka ecaleni ixesha lokutsolisa kuThixo.

Kubalulekile ukuba ngemini nganye sibenexesha esilichitha ngokutsolisa kuThixo. Abanye abantu bayibiza ngokuba “lixesha elizolileyo.” Abanye bayibiza “umthandazo,” ngokuba lixesha apho sithandaza kuThixo. Abanye bakhetha ukubeka ixesha lakusasa ecaleni, ngexesha abanye bekhetha ixesha langokuhlwa. Akukhathaliseki nokuba ulibiza njani. Into ebalulekileyo yeyokuba uchitha ixesha noThixo. Zeziphi iziganeko ezisenza sibenexesha noThixo?

(a) Umthandazo. Umthandazo kukuthetha noThixo. Uthetha noThixo malunga nemicimbi kunye neengxaki zakho. Cela uThixo akunike ukuhlakanipha ze akukhokele. Cela uThixo akunike izinto ozifunayo. Xelela uThixo ukuba umthanda kangakanani nokuba unombulelo ongakanani ngezinto akwenzela zona. Umthandazo umalunga nalento.

(b) Ufundo lweBhayibhile. Ukufundiswa ngeBhayibhale ecaweni, iSikolo seCawel, okanye ufundo lweBhayibhile – kuyafuneka uzifundele iBhayibhile ngokwakho. IBhayibhile iqulathe konke ukufuna ukukwazi ukwenzela ukuba uhlale ubomi obuyimpumelelo bobukholwa. Iqulathe isikhokelo sikaThixo sokuba ungazenja njani izigqibo ezihlakaniphileyo, ungayazi njani untando kaThixol, ungabafundisa njani abanye, kwaye ungakhula njani ngokwasemoyeni. IBhayibhile ngamazwi kaThixo kuthi. IBhayibhile yincwadi yesikhokelo kaThixo ebalulekileyo yokuba singabuphila njani ubomi bethu ngendlela ekholisa Yena nekholisa thina.

4. Yakha ubuhlobo nabantu abazakukunceda ngokwasemoyeni.

KwabaseKorinte bokuqala 15:33 bayasixelela , “Sukulahlekiswa: ‘Abahlobo abangalunganga bayasitshintsha isimo esihle.’” IBhayibhile izele zizilumkisomalunga nokulukuhlwa “okubi” abantu abanokwenza kuthi. Ukuchitha ixesha nabo benza izinto zesono zingasenza nathi silukuhleke zezozenzo. Izimo zabantu esizidibanisa nabo zi “ngasosulela”. Yiyo lonto kubalulekile ukuba masizidibanise nabantu abathanda uThixo nabazinikeleyo kuye.

Zama ukufumana umhlobo okanye ababini, mhlawumbi ecaweni yakho, abanokukunceda baphinde bakukhuthaze (KumaHebhere 3:13; 10:24). Cela abahlobo bakho balubeke kuwe uxanduva elibhekiselele kwixesha elithe cwaka ( umthandazo ), lemisebenzi yakho, nelokuhamba noThixo. Babuze ukuba ungenza kwanjalo na kubo. Lento ayithethi ukuba balahle bonke abahlobo bakho abangazaniyo neNkosi uYesu njengomhlawuleli wabo. Qhubeka ubengumhlobo wabo kwaye ubathande. Ngokulula bazise ukuba uYesu ubutshintsile ubomi bakho kwaye awunakukwazi ukwenza izinto ubufudula uzenza. Cela uThixo akunike ithuba lokwabelana nabahlobo bakho ngoYesu.

5. Bhaptizeshwa.

Abantu abaninzi abaluqondi kakuhle ubhaptizo. Igama elithi“ubhaptizo” lithetha ukuthi ntywiliselwa emanzini. UBaptizesho luhlobo lwaseBhayibhileni lokwazisa ukholo olutsha kuKristu nokuzimisela kwakho ekumlandeleni. Isenzo sontywiliselo emanzini sizoba wena ungcwatywa noKristu. Isenzo sokuphuma emanzini singumfanekiso wokuvuka kukaKristu. Ukubhaptizwa kunxulumanisa wena nokufa kukaYesu, nokungcwatywa, kunye nokuvuka kwakhe (KwabaseRoma 6:3-4).

Ukubhabtizwa ayikuko okukusindisayo. Ukubhaptizwa akuhlambi zono zakho. Ubhaptizwa linyathelo lokuthembeka, kukwazisa abantu ngokholo lwakho kuKristu emnyedwa ongumsindisi. Ubhaptizo lubalulekile kuba linyathelo lokuthembeka – lazisa ngokuphandle ukholo lwakho kuKristu kunye nokuzimisela kwakho kuye. Ukuba ulungele ubhaptizo kufuneka uthethe nomfundisi wakho.



Buyela kwiphepha uhome



Ndibeke ithemba lam kuYesu…ngoku kuzakuthini?