settings icon
share icon
Umbuzo

Ngubani uYesu Kristu?

Impendulo


Ayifani nombuzo “IIngaba uThixo ukhona na?” bambalwa abantu ababuza lombuzo wokuba ingaba uYesu Kristu ukhona na. Sele iyinto eyaziwayo eyokuba uYesu wayengumntu ngenene owayehamba emhlabeni wakwaSirayeli ngeminyaka yama- 2000 eyadlulayo. Ingxoxo iye iqale xa kufunwa ukuqondwa ngobuyena bukaYesu. Phantse zonke iinkolo ezingundoqo zifundise ukuba uYesu wayengumprofeti okanye ititshala elungileyo okanye indoda eyayinobuThixo. Ingxaki yile iBhayibhile yona isixelela ukuba uYesu wayengaphaya komprofeti, utitshala olungileyo,okanye indoda enobuthixo.

UC.S. Lewis encwadini yakhe ethi Mere Christianity ubhale oku kulandelayo: “Apha ndiyazama ukunqanda nabanina ekuthetheni izinto ezimbi malunga naye [ uYesu Kristu]: eziqhele ukuthethwa ngabantu: 'Ndikulungele ukumthatha uYesu njengotitshala onguye, kodwa andilivumi ibango lakhe lokuba unguThixo.' Le kuphela kwento emasingayithethi. Ukuba yayiyindoda nje eyayithetha izinto ezazithethwa nguYesu ngeyayi ngazange yabangutitshala onguye.Mhlawumbi ngewayeligeza—elikwinqanaba lendoda ethi iba amaqanda—okanye mhlawumbi ebezakuba nguSathana wesiHogo. Zikhethele. Ukuba ngaba lendoda yayinguNyana kaThixo okanye indoda ephambeneyo okanye nto yimbi. Ungamthulisa ngokubhanxa abantu, umticela ze umbulale njengedemoni; okanye ungawa ezinyaweni zakhe umbize Nkosi okanye Thixo. Kodwa masingenzi nezinto ezithobeke ukubhanxa malunga nokuba ebengutitshala omkhulu. Akasishiyanga esosigqibo sivuleleke kuthi. Ebengazimiselanga njalo.”

Ke ngoko, ngaba uYesu ebebanga ukuba ungubani? IBhayibhile ithi Ngubani? Okokuqala, masijonge kumazwi kaYesu akuYohane 10:30, “Mna nobawo sibanye.” Sithe nje krwaqu, lento ayibonakali ngathi ubanga ukuba unguThixo. Phofu makhe sinjonge intshukumo yaMajuda kulentetho, “‘Asikuxulubeli nanye kwezi,’ aphendula aMajuda, ‘kodwa ngenxa yokwenyelisa, ngoba uyindoda nje, ebanga ukuba inguThixo’” (UYohane 10:33). AMajuda ayithatha intetho kaYesu ngathi ubanga ukuba nguThixo. Kwezi vesi zilandelayo uYesu akazange awalungise aMajuda ngokuthi, “Khange ndibange ukuba nguYesu.” Lonto yalatha ukuba uYesu ngenene wayesithi uNguThixo xa wayezazisa, “Mna nobawo sibanye” (UYohane 10:30). Omnye umzekelo kaYohane 8:58: “‘Ndinixelela inyani,’ waphendula uYesu, ‘phambi kokuzalwa kuka Abraham, yayiNdim!’” Kwakhona, impendulo, aMajuda athatha amatye ezama ukuxuluba uYesu (UYohane 8:59). UYesu uzazisa ngokuba “Ndim” lalichazwa njalo kwiTestamente endala igama likaThixo(Eksodosi 3:14). Kwakutheni aMajuda aze afune ukumxuluba ngamatye uYesu kwakhona xa wayengazanga athethe into abacinga ukuba sisonyeliso, egameni, lokubanga ukuba unguThixo?

UYohane uthi 1:1 “uLizwi waye ekuye uThixo.” UYohane 1:14 uthi “iLizwi waba yinyama.” Lento icacisa kakuhle ukuba uYesu nguThixo ngokwasenyameni. UTomasi umdisipile wachazela uYesu, “Nkosi yam, Thixo wam” (UYohane 20:28). UYesu khange amlungise. Umpostile uPawulosi umcacisa nje, “…Thixo wethu omkhulu onguMsindisi wethu, UYesu Kristu” (UTito 2:13). Umpostile uPetrose naye utsho, “…uThixo wethu uYesu Kristu onguMsindisi ” (UPetrose wesibini 1:1).Thixo ubawo ukwaligqina lokuba uYesu ngubani, “Kodwa malunga noNyana uthi, ‘Itrone yakho, Awu Thixo, uyakuhlala ngonaphakade kanaphakade, kwaye ubulungisa buzakuba yintonga yobukuMkani bakho.’” Uprofeto lweTestamente Endala lokwazisa ubuthixo bukaKristu, “Sizalelwe umntwana, sinikwe unyana, kwaye ulawulo luzakubasemagxeni akhe. Kwaye uzakubizwa njengoMcebisi Olungileyo, UThixo Onamandla, UBawo Kanaphakade, Inkosana yoXolo” (Izaya 9:6).

Njengoko, uC.S. Lewis exoxa, ukuthemba ukuba uYesu wayengutitshala olungileyo ayisosizathu. UYesu ngokucacileyo nangaphandle kwamathandabuzo wayebanga ukuba nguThixo. Ukuba ayingoThixo, uyakuba lixoki, ebe ayinguye umprofeti, utitshala olungileyo, okanye indoda enobuthixo. Ukuzama ukucacisa amazwi kaYesu “abafundi” bangoku babanga ukuba “imbali eyiyo kaYesu” ayizithethi izinto ezininzi ezithethwa yiBhayibhile ngaye. Ngubani esimxoxisayo ngaMazwi kaThixo malunga nokwenziwa nguYesu okanye ongazange akuthethe? “Abafundi” bangakwazi njani ukujika into eyayenzeke kumakhulu amabini eminyaka eyadlulayo baphikisane nabantu ababekhona ngelothuba ngezinto ezazenziwe nguYesu nangazange azenze (UYohane 14:26)?

Kutheni umbuzo wokuba uYesu wayengubani ubalulekile? Kutheni ibalulekile into yokuba ngaba uYesu nguThixo? Esona zizathu sibalulekileyo sesi uYesu wayefanele ukuba nguThixo kodwa ayinguye, Ukufa kwakhe ngekungakhange kwaba konele ukuhlawula zonke izono zehlabathi (UYohane wokuqala 2:2). NguThixo kuphela ofanele kukuhlawula elityala lingapheliyo (KwabaseRoma 5:8; AbaseKorinte besibini 5:21). UYesu kwakufuneka abenguThixo azokukwazi ukuhlawula amatyala ethu. UYesu kwakufuneka abengumntu azokuthi akwazi ukufa. USindiso lukho kuphela xa ukholwa kuYesu Kristu. Ubuthixo bukaYesu bubo kuphela indlela yosindiso. Ubuthixo bukaYesu bubo obubangela umemezo, “Ndiyindlela nenyaniso yobomi. Akukho namnye oya kubawo engayi ngam” (UYohane 14:6).

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ngubani uYesu Kristu?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries