settings icon
share icon
Umbuzo

Ingaba uThixo ukhona na? Ingaba bukhona na ubungqina bobukho bukaThixo?

Impendulo


Ubukho bukaThixo abunakungqinwa okanye bungangqinwa. Ithi iBhayibhile masamkele ngokholo ukuba uThixo ukhona: “Ke lungekho ukholo akunakubakho ukumkholisa kakuhle uThixo, kuba lowo uzayo kuye umelwe kukukholwa ukuba ukho , nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo ” (KuMahebhere 11:6). Ukuba uThixo ebethanda, angaziveza azibonakalise kwihlabathi lonke ukuba ukhona . Kodwa ukuba ebenokwenza njalo, bekungayi kubakho mfuneko yokholo. “ uThixo wamxelela wathi, ”Kungokuba undibonile , ukholiwe, banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko” (Yohane 20:29).

Oko akuthethi kuthi, nokuba, akukho siqinisekiso sokuba uThixo ukhona. Ibhayibhile iyachaza, “Izulu libalisa uzuko lukaThixo, isibhakabhaka sixela imisebenzi yezandla zakhe. Imini impompozela imini intetho, ubusuku buxelela ubusuku ukwazi. Akukho ntetho, akukho mazwi, Apho singavakaliyo isandi sawo. Intambo yawo yokulinganisa iphume yaya ehlabathini lonke , kwaba seziphelweni zelimiweyo ukuthetha kwawo” (Iindumiso 19:1-4). Ngokujonga ezinkwenkwezini,ubanolwazi bobukhulu bendalo jikelele, ubona imimangaliso yendalo, ubona ubuhle bokutshona kwelanga —zonke ezizinto zikhomba kumdali wazo onguThixo. Ukuba ezizinto bezingonelanga,busekhona ubugqina bukaThixo ezintliziyweni zethu. KwiNtshumayeli 3:11 bayasixelela, “…Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo” Nzulu ngaphakathi kuthi siyayazi ukuba kukho into engaphaya kobomi kunye nomntu ongaphaya kwehlabathi jikelele. Singaluphikisa olulwazi ngokwasengqondweni, kodwa ubukho bukaThixo kuthi bucacile. Ngangona kunjalo, ibhayibhile iyasilumkisa ukuba abanye basaya kubuphika ubukho bukaThixo: “Isidenge sithi entliziyweni yaso, ‘Akekho uThixo’” (Indumiso 14:1). Ngenxa yobuninzi babantu ngokwasezimbalini, kwiinkolelo zonke,kwizithethe zonke nakwizizwe zonke zikholelwa ekubeni ukhona uThixo ophilayo okanye ikhona into (okanye umntu) odale lenkolo.

Ukongeza kwimpikiswano yebhayibhile ngobukho bukaThixo, kukho iingxoxo ezivakalayo. Okokuqala kukho ingxoxo yenzululwazi ngobukho nangobunto bezinto (ontological). Eyona ndlela ithandwayo yeengxoxo zenzululwazi ngobukho nangobunto bezinto (ontological) isebenzisa ingcinga kaThixo ukuqinisekisa ubukho bukaThixo. Iqala ngokucacisa uThixo nje “ngomntu apho kungekho nto ingaphaya kwakhe inokuqondwa.” Iyaxoxwa into yokuba ukuphila kubalulekile kunokungaphili, ngoko ke umntu ekukholelwa kuye makabe ukhona . Ukuba uThixo ebengaphili , ngoko ke uThixo ngengakholeleki ngendlela akholeleka ngayo uThixo.

Ingxoxo yesibini yingxoxo yemfundo yokuba yonke into inesizathu nenjongo (teleological). Ingxoxo yemfundo yokuba yonke into inesizathu nenjongo (teleological) ichaza ukuba okoko indalo jikelele ibonisa le ntelekelelo imangalisayo, ufanele ukuba kukho uMyili ongcwele. Umzekelo, ukuba ngaba umhlaba ubuzimayile ezilikhulu kufutshane okanye kude kunelanga, ubungazukwazi ukuxhasa ubomi njengoko usenza ngoku. Ukuba ngaba izinto ezikwi-atmosfiye ezimbalwa bezingaphantsi kwepesennti ethile okanye zohlukile phantse yonke into ephilayo emhlabeni ibizakufa.Eyodwa kwimolekyule yeprotheni enye yenzeka ngentlahla i-1 kwi -10243 (ngu10 olandelwa ngoziro abayi- 243). Iseli enye yenziwa zizigidi zeprotheyini neemolekyuli.

Ingxoxo yesithathu eyingqiqo yobukho bukaThixo ibizwa ngokuba yingxoxo khozimologi.Sonke isiphumo sifanele ukuba nesizathu. Ilizwe jikelele nayo yonke into ekulo sisiphumo. Ufanele ukuba ikhona into eyenza yonke into ibekhona. Ekugqibeleni kufanele ukuba ikhona into “engenziwanga” efanele ukwenza yonke into ibekho. Lonto “ingenziwanga” yenziwa nguThixo.

Ingxoxo yesine yaziwa njengendlela yokuziphatha komntu. Zonke iinkolo ngokwasezimbalini zinendlela yokusebenzisa umthetho. Wonke umntu uyakwazi ukubona okulungileyo nokungalungileyo. Ukubulala, ukuxoka, ukuba, kunye nokungaziphathi kakuhle ziphantse zingamkeleki kwihlabathi jikelele. Ingaba okukwazi ukwenza okulungileyo nokungalunganga kuvela phi xa kungaveli ebungcwaliseni bukaThixo?

Kuko konke oko, ibhayibhile isixelela ukuba, abantu bayakukwala okucacileyo nokungaphikisekiyo ngolwazi lukaThixo bakholelwe ubuxoki. AbaseRoma 1:25 bayachaza, “ Bananisa ngenyani kaThixo ngobuxoki kwaye banqula izinto abazenzileyo endaweni yoMdali wabo—ofanele ukudunyiswa ngonaphakade. Amen.” Ibhayibhile ibonakalisa ukuba abantu abazisoli ngokungakholelwa kuThixo: “Ngenxa yokuba ukwenziwa kwehlabathi iluhlobo lukaThixo elingabonakaliyo—Amandla akhe angunaphakade kunye nobume bendalo obungcwele— sele buboniwe,baze baqondwa kwindlele ebenziwe ngayo, ukwenzela ukuba umntu angabinasizathu” (AbaseRoma 1:20).

Abantu basachasa ubukho bukaThixo kuba ayiyo “nzululwazi” okanye “kukuba kungeko bungqina.” Obona bunyani bobokuba ukuba bathe bavuma ukuba uThixo ukhona, bafanele ukuze bazi ukuba banoxanduva lokufuna uxolelo kuThixo (AbaseRoma 3:23, 6:23). Ukuba uThixo ukhona ngoko ke kufuneka siphendule kuye izenzo zethu. Ukuba uThixo akakho singenza nantoni na ngaphandle kwexhala lokugwetywa nguThixo. Yiyo lonto abantu abaninzi abaphikisana nobukho bukaThixo bebambelela ngamandla kwinkcazo eyingcingane yendalo edalekayo (naturalistic evolution)— ibanika enye indlela yokukholelwa kuThixo odalayo. UThixo ukho ekugqibeleni wonke umntu uyamazi ukho. Kwa ukuba kwenziwe iinzame zokuphikisa ukuba ukho phofu yingxoxo yobukho bakhe.

Sibazi njani ubukho buka Thixo? NjengaMakholwa ,siyazi UThixo ukuba ukho ngoba sithetha naye imihla ngemihla. Asiva lizwi lakhe lithetha nathi, kodwa siyabuva ubukho bakhe, siyabuva ubukhokheli bakhe, siyalwazi uthando lwakhe, sinqwenela ubabalo lwakhe. Izinto zenzekile ebomini bethu esingakwaziyo ukuzicacisa ngaphandle kokuba sithi nguThixo. UThixo usenzele imimangaliso yokusisindisa waza watshintsha nobomi bethu oko asinakunceda koko kufuneka simvume kwaye sidumise ubukho bakhe. Akukho nanye kwezingxoxo enokutshutshisa nabani na ongafuni kuvuma into ecacileyo. Ekugqibeleni, ubukho bukaThixo mabamkelwe ngokholo (KuMahebhere 11:6). Ukukholelwa kuThixo ayikokumfameka utsibela ebumnyameni, linyathelo elikhuselekileyo eliya egumbini elikhanyayo apho abantu abaninzi sele bemi khona.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ingaba uThixo ukhona na? Ingaba bukhona na ubungqina bobukho bukaThixo?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries