settings icon
share icon
Umbuzo

Ithetha ukuthini ukuzalwa ngokutsha komKristu?

Impendulo


Ithetha ukuthini ukuzalwa ngokutsha komKristu? umgca oqhelekileyo phaya ebhayibhileni ophendula lombuzo ngu Johane 3:1-21. INkosi uYesu Kristu uthetha no Nicodemus, uMfarasi nelungu le Sanhedrin elaziwayo (ibhodi yamaJuda elawulayo). U Nicodemus weza nemibuzo ethile ngobunye ubusuku.

Wayesithi uYesu xa ethetha no Nicodemus, "Ndikuxelela inyaniso, akekho oyakububona ubukumkani bamazulu ngaphandle kokuba uzelwe ngokutsha." ‘Umntu angazalwa njani xa sele emdala?’ Wabuza uNicodemus. ‘Ngokuqinisekileyo akanakukwazi ukubuyela esibelekweni sika nina okwesibini ukuze azalwe!’ UYesu waphendula, ‘Ndikuxelela inyaniso, akekho oyakubungena ubukumkani bamazulu ngaphandle kokuba uzelwe ngamanzi nangoMoya. Inyama izala inyama, kodwa uMoya uzala umoya. Awufanelanga kukothuswa koku ndikuthethayo, "Kufuneka uzalwe ngokutsha" (Johane 3:3-7).

Eligama "zalwa ngokutsha" lithetha ukuthi "ukuzalwa okusuka phezulu." U Nicodemus waye enemfuno ngenene. Kwakufuneka atshintshe intliziyo yakhe — uguquko lwasemoyeni. Uzalo olutsha, ukuzalwa ngokutsha, sisenzo sika Thixo apho ubomi obungunaphakade bufakwa emntwini okholelwayo (2 Amakorinte 5:17; Tito 3:5; 1 Petros 1:3; 1 Yohane 2:29; 3:9; 4:7; 5:1-4, 18). Yohane 1:12, 13 kubonakalisa ukuba xa "uzelwe ngokutsha" uyabonakala ukuba "ube ngumntwana ka Thixo" ngokuthembela egameni lika Yesu Kristu.

Umbuzo onzima wokuqiqa uyavela, "Kutheni kufuneka umntu azalwe ngokutsha?" UMpostile uPaulos kwabase Efese 2:1 uthi, "Yaye unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso nezono enanifudula nihamba nihamba kuzo ngokwesimo sehlabathi" (NKJV). Kuma Roma ubhale, "Kubo bonke aboni nabo bangafikelelanga kuzuko luka Thixo" (kumaRoma 3:23). Aboni "bafile"; emoyeni; xa befumana umoya wobomi ngokukholelwa kuKrestu, ibhayibhile ithanda ukuyibiza ngokuba luzalo olutsha. Kwabo bazelwe ngokutsha kuphela abayakuxolelwa iizono zabo yaye babe nobudlelwane noThixo.

Yenzeka njani le nto? kwabaseEfese 2:8-9 bayachaza, "Kungenxa yenceba ukuba usindiswe, nangokholo — yaye oku akuphumi kuwe, sisipho sika Thixo — hayi ngenxa yemisebenzi, ukuze kungabikho uqhayisayo." Xa ethe omnye wasindiswa ethe wazalwa ngokutsha, ehlaziyekile emoyeni, yaye engumntwana kaThixo ngoku kuba ezalwe ngokutsha. Ukuthembela ngo Yesu Krestu noyena ongumhlawuleli wamatyala ezono xa wayesifa emnqamlezweni, ithetha ukuthi "ukuzalwa ngokutsha." "Ngoko ke, ukuba umntu ukuKrestu, usisidalwa esitsha: omdala umkile, omtsha ufikile!" (2 Amakorinte 5:17).

Ukuba akuzange wathembela kwi Nkosi uYesu Kristu njengomsindisi wakho, uyakuva kushukuma umoya oyingcwele xa ethetha entliziyweni yakho. Uyakulangazelela ukuzalwa ngokutsha. Ingaba uyakuthandaza umthandazo wenguquko nokuba ubesisidalwa esitsha kuKrestu namhlanje? Kubo bonke abamamkelayo, kwabo bakholelwa ngegama lakhe, unika imvume yokuba babe ngabantwana baka Thixo – abantwana abangazalwanga ngokwendalo yomhlaba, okanye bengazalwanga ngabantu ngokuthanda kwendoda koko bezelwe ngokuka Thixo (Yohane 1:12-13).

Ukuba ufuna ukwamkela uYesu Kristu njengomsindisi wakho nokuba uzalwe ngokutsha, nanku umzekelo womthandazo. Khumbula ukuthandaza lomthandazo okanye omnye umthandazo akunakukusindisa. Kukuthembela kuKristu kuphela okunokukusindisa ezonweni. Lomthandazo yindlela elula yokubonakalisa ukholo lwakho kuThixo kuye nokumbulela ngokukunika intsindiso. "Thixo ndiyazi ndonile phambi kwakho yaye ndifanelwe ukuba ndohlwaywe. Kodwa uYesu Krestu wasithatha isohlwayo esasifanela mna ukuze ngokukholwa kuye ndixolelwe. Ndibeka ithemba lam kwintsindiso yakho. Ndiyabulela ngenceba yakho entle noxolelo — Isipho sobomi obungunaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ithetha ukuthini ukuzalwa ngokutsha komKristu?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries