settings icon
share icon
Umbuzo

Ndingayilungisa njani indlela yam noThixo?

Impendulo


Ukuze "ndilungise iindlela zam" noThixo, masiqale siqonde ukuba yintoni na "engalunganga." Impendulo sisono. "Akekho umntu owenza kakuhle, akekho nomnye" (Iindumiso 14:3). Siye sanenkani kwimithetho kaThixo "njengegusha elahlekileyo" (Isaya 53:6).

Indaba ezimbi zezokuba isohlwayo sesono kukufa. "Umphefumlo owonileyo nguwo oyakufa" (Hezekile 18:4). Iindaba ezimnandi ke zezokuba uThixo onothanado uyasilandela ukuze asinike usindiso. UYesu wayichaza injongo yakhe eyokuba "uyakukhangela asindise lowo ebelahlekileyo" (Luka 19:10), yaye uyazisile injongo yakhe egqibelelyo xa wayesifa emnqamlezweni ngalamazwi, "kugqityiwe!" (Yohane 19:30).

Ukuba nobudlelwane obububo no Thixo kuqala ekuvumeni iizono zakho kuThixo. Okulandelayo kuze ukuzithoba uchaze izono zakho kuThixo (Isaya 57:15) kwakunye nokuchasa ukuba uyazilahla izono zakho. "Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa, avume ngomlomo ukuze asindiswe" (KwabaseRoma 10:10).

Le nguquko mayihambisane nokholo – ingakumbi, ukholo uYesu athe wazinikela ekufeni kwathi ngovuko olungummangaliso olwathi lwamnika ukuba abengumsindisi wakho. "Ukuba uvuma ngomlomo wakho ukuba, ‘uYesu yiNkosi’, yaye ukholwe ngentliziyo ukuba uThixo wavuka ekufeni, uyakusindiswa" (KwabaseRoma 10:9). Kwizicatshulwa ezininzi zithetha ngokubaluleka kokholo, ezifana no Yohane 20:27; Izenzo 16:31; kuMagalathi 2:16; 3:11, 26; kunye nabaseEfese 2:8.

Ukuba nendlela ezintle noThixo kuxhomekeke kwimpendulo zakho kwizinto akwenzele zona uThixo. Wathumela umsindisi,Wazisa imvana kaThixo ukuze isuse izono zakho (Johane 1:29), uye wazisa isithembiso kuwe: "Lowo othe walinqula igama lakahe wosindiswa" (Izenzo 2:21).

Inkcazelo entle ngenguquko noxolo ibonakaliswa kumzekelo wonyana wolahleko (Luka 15:11-32). Unyana omncinci wachitha isipho owayesiphiwa nguyise kwihlazo lesono (ivesi 13).Wathi akuziqonda ukuba wonile, wagqiba ekubeni abuyele ekhaya (ivesi 18).Waziqonda ukuba akasafanelwe kubizwa njengonyana kuyiswe (ivesi 19), kodwa wayephazama. Uyise wamthanda unyana wakhe nangaphezulu (ivesi 20). Konke kwakuxolelwe, ebefile wavuka, ebelahlekile wafunyanwa baqala babanemihlali bonwaba. (ivesi 24). UThixo ulungile uyasigcina isithembiso, kuquka isithembiso sokuxolela. "UYehova usondele kwabo bantliziyo zaphukileyo abasindise abamoya utyumkileyo" (Iindumiso 34:18).

Ukuba ufuna ukulungisa indlela zakho noThixo, nanku umzekelo womthandazo. Khumbula ukwenza lomthandazo okanye nawuphi na umthandazo akunakukusindisa. Kukuthembela kuKristu ukuba uyakukusindisa kwizono zakho. Lomthandazo yindlela yokubonakalisa ukholo onalo kuThixo nokumbulela ngokuzisa usindiso."Thixo, ndiyazi ukuba ndonile phambi kwakho yaye ndifanelwe ukuba ndohlwaywe. Kodwa uYesu Kristu wasithatha isohlwayo esasindifanele ukuze ngokukholwa kuye ndixolelwe. Ndibeka ithemba lam kusindiso lwakho. Ndiyabulela ngenceba noxolelo lwako–isipho sobomi obungunaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ndingayilungisa njani indlela yam noThixo?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries