settings icon
share icon
Umbuzo

Ingaba uThixo uyinyani? Ndingaqiniseka njani ukuba uThixo uyinyani?

Impendulo


Siyazi ukuba uThixo uyinyani kuba waziveza kuthi ngendlela ezintathu: Ngendalo, Ngelizwi lakhe, nangonyana wakhe uYesu Kristu.

Obona bungqina bobukho bakhe koko wakudalayo. "Kwasekudalweni iimpawu ezingabonakaliyo zikaThixo — amandla akhe angunaphakade kunye nendalo yobuThixo ziyabonakala ziyazeka ngenxa yendalo, ukuze abantu bangabinazizathu" (KwabaseRoma 1:20). "Amazulu abalisa uzuko lukaThixo; saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe" (Iindumiso 19:1).

Ukuba ndichole iwatshi yesihlahla phakathi ebaleni, Andinakuthatha ngokuba isuke "yakhona" nje esithubeni okanye kudala ikhona. Ekuboneni indlela eyenziwe ngayo lewotshi, ndagqiba ekubeni le wotshi inaye umyili wayo. Kodwa kukhona ukuyila okuhle kakhulu kwihlabathi esikulo. Ukulinganisela kwethu ixesha akuxhomekekanga kwiwotshi yesihlahla, kodwa kumsebenzi wezandla zikaThixo — kujikelezo rhoqo lomhlaba (kunye nemitha ebangwa kukuqhekeka kwee atom-133). Ihlabathi libonakalisa ukuyila okuhle, oku kuthethela umyilim omkhulu.

Xa ndifumene umyalezo olungiseleweyo, ndiyakufuna ukuguqula ukunceda ukufunda umyalezo ogqwethiweyo. Ukucinga kwam kukuba inokuba ukhona umthumeli womyalezo okrelekrele, umntu owenze lombhalo. Intsokothe kangakanani "imithetho" yeDNA esinayo kwi seli nganye emizimbeni yethu? Ingaba untsokotho nenjongo ye DNA ayithetheleli umbhali okrelekrele wemithetho?

UThixo akenzanga nje izinto zantle ngexesha lazo kwanephakade, koko ulinikele ezintliziyweni zabo (Iintshumayeli 3:11) Ngohlobo lomntu angasifumana isenzo kuThixo uluntu lunengcinga zokuba kuninzi okusebomini ngaphezu kwelikubonayo, kuba bukhona ubomi obungaphezulu kobubasemhlabeni. Obethu ubulumko ngephakade buzibonakalisa ngeendlela ezimbini, indlela yokuqala kukwenza umthetho eyesibini kujkunqula.

Yonke inkcubeko kwimbali iyayikhuthaza imithetho yokuziphatha kakuhle nto leyo efana ngokumangalisayo kwisithethe ngesithethe. Umzekelo uthando olufezekileyo luhlonitshwa jikelele, ukanti isenzo sokuxoka siyakugweba. Ukuziphatha kakuhle kuka wonke wonke —lulwazi jikelele ngokulungileyo nokungalunganga, kubonisa ukuba ukhona umntu omkhulu ofundisa ngendlela yokuziphatha kakuhle, osinika ubulumko obusintela ekwenzeni okungalunganga.

Ngokufanayo, abantu kwihlabathi lonke ngokungakhathaleli inkcubeko basoloko bekhathalele indlela emisiweyo yokunqula. Indlela yokunqula "ayifaniayifani kodwa" ubulumko bamandla aphezulu akanakuphikwa mntu. Ukuthambekela kwethuukunqulo kuvumelana nento yokuba uThixo "wasidala ngokomfanekiselo wakhe" (Genesis 1:27).

UThixo wazivelisa kuthi ngezwi lakhe ibhayibhile. NgokwesiBhalo sonke esingcwele, ubukho buka Thixo buthathwa njengento ezicacisileyo (Genesis 1:1; Eksodus 3:14). Xa uBenjamin Franklin wayebhala ngobomi bakhe, akazange achithe ixesha elininzi ezama ukubonakalisa ubukho bakhe. Ngokufanayo noThixo akachithi xesha lininzi ebonisa ubukho bakhe encwadini yakhe. Ubomi obutshintsha indalo bebhayibhile, imfezeko yayo kunye nemimangaliso ehamba nokubhalwa kwayo zifanelwe ukuthathelwa ingqalelo.

Indlela yesithathu uThixo azivelise ngayo ngunyana wakhe, uYesu Kristu (Yohane 14:6-11). "Ekuqaleni ube ekho ulizwi: wabe ulizwi ekuye uThixo. Ulizwi wabayinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli bonyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ezele lubabalo nayinyaniso" (KwabaseKolose 2:9).

Kubomi buka Yesu obumangalisayo, Uye wayigcina kakuhle imithetho yeTestamente endala ndize kuzalisekisa umthetho wabaprofeti othetha ngo Messiah (Mateyu 5:17). Nguye lo mfundi ongqinayo ngezi zinto wazibhala ezi zinto kanjalo siyazi ukuba ubungqina bakhe buyinene. Kukho ke nezinye izinto awazenzayo uYesu; ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezo zingabhalwayo (Yohane 21:24-25). Ke, emva kwentsuku ezintathu ebethelelwe, Wavuka kwabafileyo, oko kungqinwa ngamakhulu abo bakubonayo (1 AbaseKorinte 15:6). Inkcukacha zembali eziza "nesiqinisekiso" sokuba ngubani uYesu. Njengokuba esitsho uMpostile uPaulos ukuba "lento ayizange yenzeka ngokungafihlisiyo" (Izenzo 26:26).

Siyaqaphela ukuba kwakusoloko kukho ukungamthembi ababenembono zabo ngo Thixo uyakufunda ubungqina njalo. Sithi isidenge, akukho Thixo (Iindumiso14:1). Ke lungekho ukholo, akunakubakho kumkholisa kakuhle (Amahebhere 11:6).

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ingaba uThixo uyinyani? Ndingaqiniseka njani ukuba uThixo uyinyani?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries