settings icon
share icon
Umbuzo

Yeyiphi le mithetho emine yomoya?

Impendulo


Le mithetho mine yoMoya yindlela yokuhambisa iindaba ezilungileyo zosindiso ezikhoyo ngokholo ku Yesu Kristu.Yindlela elula yokulungisa iinkcukacha ezibalulekileyo zegospile zibengamaqela amane.

Owokuqala kwimithetho emine yomoya uthi, "UThixo uyakuthanda yaye unecebo/sicwangciso ngobomi bakho." Yohane 3:16 uyasixelela, "Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabthi, wancama unyana wakhe ekuphela kwamzelelyo, ukuba bonke abakholwayo kuye bangatshabalali koko babe nobomi obunguanphakade." Johane 10:10 usinika isizathu sokuba uYesu ezile, " Ndizile mna ukuze nibenobomi, yaye nibenobomi ngokugqithisileyo." Yintoni esivalelayo kuthando lukaThixo? Yintoni esithintelayo ekufumaneni ubomi ngokobuninzi?

Owesibini kwimithetho emine yomoya uthi, "Umntu ungcoliswe sisono ngoko ke wahluliwe kuThixo. Ngenxa yoko asinakuze silazi icebo elihle likaThixo ngobomi bethu." KwabaseRoma 3:23 bayayingqina lentetha, "kuba bonile baye basilela eluzukweni lukaThixo." KwabaseRoma 6:23 basinika isiphumo sesono, "kuba umvuzo wesono kukufa." UThixo usidalele ukuba sibe nobudlelwane naye. Noko kunjalo, umntu weza nesono emhlabeni, yaye kungoko ke ahluliwe kuThixo. Sibonakalisile ubudlelwane abebulungiselele thina uThixo ukuba sibenabo.Yintoni isisombululo?

Owesithathu kwimithetho emine yomoya uthi, "UYesu Kristu ngu Thixo owazinikela ngenxa yesono sethu. Ngenxa ka Yesu Krestu, singaxolelwa izono zethu bubuyiselwe nobudlelwane obububo noThixo." KwabaseRoma 5:8 bayasixelela, "Kodwa uThixo ubonakalise uthando lwakhe kuthi ngokuthi: Sithe sisengaboni, uKrestu wasifela." 1 Amakorinte 15:3-4 ayasazisa ngoko kufuneka sikwazile yaye kufuneka sikholwe ukuze sisindiswe, "…. ukuba uKristu wafela izono zethu ngokutsho kweziBhalo, ukuba wangcwatywa, nokuba wavuka ngomhla wesithathu ngokweziBhalo..." UYesu yena kanye uyachaza ukuba uyeyona ndlela yokusindiswa ku Johane 14:6, "Ndiyindlela yaye ndiyinyaniso yaye ndibubomi. Akukho namnye ozayo kuBawo engezi ngam." Ndingasifumana njani esi sipho sosindiso?

Owesine kwimithetho emine yomoya uthi, "Masibeke ukholo lwethu kuYesu Krestu njengoMsindisi ukuze sifumane isipho sosindiso nokuze sazi icebo elihle likaThixo ngobomi bethu." Yohane 1:12 usichazela oku, "Ke bonke abamamkelayo, nabo bakholelwa kwigama lakhe, bonke wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo." Izenzo 16:31 icacisa kakuhle, "Kholelwa kwiNkosi uYesu, yaye uyakusindiswa!" Singasindiswa ngobabalo nangalo ukholo, kuYesu Kristu eyedwa (KwabaseEfese 2:8-9).

Ukuba ufuna ukuthembela kuYesu Kristu njengoMsindisi wakho, yitsho lamazwi alandelayo kuThixo. Ukutsho la mazwi akunakukusindisa, kodwa ukuthemba uKristu kuyakukusindisa! Lomthandazo yindlela yokubonakalisa ukholo lwakho kuye nokumbulela ngokuzisa usindiso kuwe. "Thixo ndiyazi ukuba ndonile phambi kwakho yaye ndifanele ukuba ndohlwaywe. Kodwa uYesu Kristu wasithatha isohlwayo esindisifaneleyo ukuze ngokukholelwa kuye ndixolelwe. Ndibeka ithemba lam kusindiso lwakho. Ndiyalubulela ngozuko noxolelo lwakho – isipho sobomi banaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Yeyiphi le mithetho emine yomoya?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries