settings icon
share icon
Umbuzo

Yintoni ikholwa?

Impendulo


Ingcaciso yeKholwa kwisichazi -magama singafana nale “ngumntu ovumela inkolelo yokuba UYesu nguKristu okanye inkolo ebhekiselele ekufundisweni ngoYesu.” Nakubeni esi isisiqalo esilungileyo njengeengcaciso zezichazi magama ezininzi, Ayifikeleli kuhlobo ethethwa ngayo ebhayibhileni nentsingiselo yokuba yintoni Ikholwa. Igama elithi “IKholwa” lisetyenziswa amaxesha amathathu kwiTestamente Entsha (KwiZenzo 11:26; 26:28; KoPetrosi bokuqala). Abalandeli bakaYesu kuqala babebizwa ukuba “ngamaKholwa” e-Antiyokwe (IZenzo 11:26) ngenxa yendlela ebabeziphathe ngayo, ngemisebenzi, babethetha njengoYesu. Igama elithi “IKholwa” ngokucacileyo lithetha, “ukubayinxalenye yombutho kaKristu” okanye “umlandeli kaKristu.”

Ngelishwa apha ethubeni, igama elithi “IKholwa” liphelelwe lixesha laza lalahlekelwa nakukubaluleka kwalo lisoloko lisetyenziswa emntwini okhonzayo okanye umntu onembeko kodwa engengomlandeli kaYesu Kristu. Abantu abaninzi abangakholelwayo kuYesu Kristu bazithatha njengamakholwa kuba behamba icawe okanye behlala kwindawo “yamaKholwa”. Kodwa ukuya ecaweni kuncenda abo bangaphumelelanga kunawe, okanye ukuba ngumntu olungileyo akuthethi ukuba uLikholwa. Ukuya ecaweni akukwenzi kholwa nanini na kuyafana nokuya egaraji akukwenzi ube ubenemoto. Ukuba lilungu lecawe,nokubasenkonzwini rhoqo, nokunikela ecaweni akukwenzi ubeliKholwa.

IBhayibhile isifundisa ukuba imisebenzi emihle esiyenzayo ayisenzi samkeleke kuThixo. UTayitasi 3:5 uthi, “Usisindisile hayi ngokuba senze izinto ezilungileyo,ngenxa yenceba yakhe. Usihlangulile ngokubhaptiza ngamanzi nangomoya oyingcwele.” Ukutsho IKholwa ngumntu ozalwe ngokutsha nguThixo (UYohane 3:3; UYohane 3:7; 1 UPetrose 1:23) waza wabeka ukholo lakhe kuYesu Kristu. KwabaseEfese 2:8 siyaxelelwa ukuba ku “…ngenceba wasindiswa ngenxa yokholo—kwaye ayiveli kuwe, sisipho esivela kuThixo.”

IKholwa lokwenene ngumntu obeke ukholo lwakhe nothembe yena nemisebenzi kaYesu Kristu, equka ukufa kwakhe emqamlezweni njengentlawulo yezono nokuvuka kwakhe ngosuku lwesithathu. UYohane 1:12 uyasixelela, “Kubo bonke abamfumeneyo, kwabo bakholwayo kwigama lakhe, ubanika ilungelo lokuba ngabantwana bakaThixo.” Iphawu leKholwa lokwenene kukuthanda abanye abantu nokuthobela ilizwi likaThixo (UYohane wokuqala 2:4, 10). IKholwa elinyanisekileyo ngenene lingumntwana kaThixo, ilungu losapho lukaThixo nanjengalowo selenikwe ubomi obutsha kuYesu Kristu.

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Yintoni ikholwa?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries